
Sipho Richard Kekezwa – For his book: Ubomi, ungancama!
USipho Kekezwa uzuze iqela leembasa kwiincwadi kwiincwadi zabantwana, imidlalo, amabali amafutshane, iinoveli nemibongo. Ukwangomnye wabathi bafumana ukupaphaswa kwenoveli yakhe ethi, Amajing’ iqhiwu otshintsho ngenkxaso yeNational Library’s Community Publishing.
Ngaphandle kokubhala ezakhe, uSipho ukwangumhlalutyi umhleli nomcoseleli weencwadi. Ukuza kuthi gaa ngoku uhlalutye ngaphaya kwamashumi asixhenxe eencwadi, wahlela waza wacoselela ngaphaya kwamashumi amane, oku ekwenzela iziko iCentre for the Book, iLesedi House Publishers kunye nababhali abazimeleyo. Ukususela ngowama2009 ukuya kuma2013 ube guqula amaxwebhu ukusuka kwisiNgesi nesiAfrikaans ukuya esiXhoseni esebenzela uMasipala wase Cape Agulhus.
Ngaphandle kokubhala, ukwangubhishop kwibandla iSt John’s Apostolic Church.